Jeremiah 41:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa amadoda alishumi ebefunyanwa pakati kwawo awati ku‐Shimayeli: Ungasifisi; ngokuba sinendyebo ezifihliweyo endle, inqolowa, neṙalasi, neoli, nobusi. Waza wayeka, engafisanga wona pakati kwabazalwana bawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kwafumaneka kuwo amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinezisele endle ezinengqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wawayeka ke, akawabulala phakathi kwabazalwana bawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kuwo kwafunyanwa amadoda alishumi, awathi kuIshmayeli, Musa ukusibulala, ngokuba sinobuncwane kweli lizwe: ingqolowa, nerhasi, neoli, nobusi. Wayindulula, akababulala phakathi kwabazalwana babo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ishumi laloo madoda lona lathi kuIshamayeli: “Musa ukusibulala thina; sinokutya esikufihlileyo endle: ingqolowa, neoyile yomnquma, nobusi.” Wawayeka ke lawo amadoda akawabulala njengamanye.