Jeremiah 41:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku umnxuma apo u‐Shimayeli waposela kona zonke izidumbu zamadoda abewabulele, ngecala lika‐Gedaliya, ngulowo abewenzile ukumkani u‐Asa ngenxa ka‐Bahasha ukumkani wo‐Sirayeli: wona wawuzalisa u‐Shimayeli unyana ka‐Netaniya ngababuleweyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku umhadi, apho uIshmayeli wazilahlela kuwo ngakuGedaliya zonke izidumbu zamadoda abewabulele (lowo wawenzayo ukumkani uAsa ngenxa kaBhahesha ukumkani wakwaSirayeli), uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa ngababuleweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Umhadi awazilahlela kuwo uIshmayeli zonke izidumbu zamadoda awawabulalayo ngenxa kaGedaliya, ngumhadi awawenzayo ukumkani uAsa, ngenxa yokumoyika kwakhe uBhasha ukumkani wakwaSirayeli; waza uIshmayeli unyana kaNetaniya wayizalisa ngababuleweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umhadi okwaphoswa kuwo izidumbu zamadoda abulawa nguIshmayeli kwakunye nesikaGedaliya wenziwa ngukumkani uAsa xa wayehlaselwa ngukumkani uBhasha wakwaSirayeli. Ke uIshmayeli unyana kaNetaniya wawuzalisa loo mhadi zizidumbu zabagwintiweyo.