Jeremiah 42:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba niya kumana ukuhlala kwelilizwe, ndiya kwandula ndinake, ndinganiciti; ndinityale, ndinganidonyuli; ngokuba ndinosizi pezu kwelishwa endinenzele lona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba nithe nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndinganigungxuli; ndonityala, ndinganinyothuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba nithe nabuya nahlala kweli lizwe, ndonakha, ndinganigungxuli; ngokuba ndiyazohlwaya ngenxa yobubi endibenzileyo kuni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
‘Ukuba nithe nahlala kulo mhlaba, ndiya kunakha ndinganidilizi; ndonityala ndinganincothuli, kuba ndiyazisola ngeshwangusha endinihlisele lona!