Jeremiah 42:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ningamoyiki ukumkani we‐Babilone, enimoyikayo; ningamoyiki, utsho uyehova: ngokuba ndinani mna ukunisindisa, nokunihlangula esandleni sake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, lowo nimoyikayo;musani ukumoyika, utsho uYehova; ngokuba ndinani, ukuba ndinisindise, ndinihlangule esandleni sakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musani ukumoyika ukumkani waseBhabheli, enimoyikayo; Musani ukumoyika, utsho uYehova, ngokuba ndinani, ukuba ndinihlangule, ndinisindise esandleni sakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke musan' ukuba noloyiko ngukumkani waseBhabheli lo nimoyikayo ngoku. Musan' ukumoyika,’ lowo ngumlomo kaNdikhoyo, ‘kuba ndinani, ndiza kunihlangula, nisinde esandleni sakhe.