Jeremiah 42:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nisiti: Hai, koko siya kuya elizweni le‐Jipete, apo singayi kubona imfazwe kona, nentlokoma yexilongo singayi kuyiva, nesonka singayi kusilambela; nakona siya kuhlala:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Hayi, thina siya kuya ezweni leYiputa, ukuze singabonani namfazwe, singaliva nezwi lesigodlo, singalambeli sonka, sihlale khona ke:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yithi, Hayi; Ke siya kuya ezweni laseYiputa, apho singayi kubona mfazwe khona, singayi kusiva isandi sesigodlo, singalambelanga sonka; siya kuhlala khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Siza kuhamba siye kuhlala eJiputa, apho kungekho zimfazwe, kungakhali zintlaba-mkhosi, kungalanjwayo khona.’