Jeremiah 42:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kaloku, ngoko ke, yivani ilizwi likayehova, nina sisalela so‐Juda! Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ukuba niyagqibela ukubekisa ubuso benu ukuya e‐Jipete, nize niye ukupambukela kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ngako oko kaloku liveni ilizwi likaYehova, masalela akwaYuda. Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba nithe nabubhekisa kwaphela ubuso benu eYiputa, naya kuphambukela khona, ikrele,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Liveni ke ilizwi likaYehova, masalela akwaYuda; Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ukuba uthe wabubhekisa ubuso bakho eYiputa ngonaphakade, waphambukela khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke ngoko nali ilizwi likaNdikhoyo, nina masalela akwaJuda, utsho uNdikhoyo uThixo onamandla onke kaSirayeli ukuthi: ‘Xa nizimisele ukuya eJiputa, nifike nime apho,