Jeremiah 42:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aeya kuti onke amadoda abekisayo ubuso bawo ukuya e‐Jipete ukupambukela kona, afe ngesiṙele, na ngendlala, nangesifo esibubisayo; akuyi kubako kuwo nanye eseleyo, nesindileyo elishweni endiya kulizisa pezu kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Namadoda onke, abubhekise ubuso bawo eYiputa, ukuba aphambukele khona, aya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kungasali nanye kuwo, isindayo ebubini endiwazisela bona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuba njalo nakumadoda onke abubhekise ubuso bawo eYiputa, ukuba aphambukele khona; baya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; yaye akuyi kubakho namnye kubo oya kusala okanye asinde kwintlekele endiya kuyizisela yona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bonke abo bazimisele ukuya kuhlala eJiputa baya kufa ngekrele, yindlala, nangubhubhani; akuyi kusala nokuba mnye usindayo kwelo shwangusha ndonihlisela lona.’