Jeremiah 42:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Njengokuba kugalelwe ingqumbo yam nobuṙalaṙume bam pezu kwabemi base‐Yerusaleme, kwa njalo ubuṙalaṙume bam buya kugalelwa pezu kwenu, nxa niya kungena e‐Jipete: naniya kuba yinto yokunywebelelwa, neyokutelwa nqa, nesiqalekiswa, nesigxekwa; nalendawo aniyi kubuya niyibone.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengoko waphalazekayo umsindo wam nobushushu bam phezu kwabemi baseYerusalem, buya kwenjenjalo ukuphalazeka ubushushu bam phezu kwenu ekuyeni kwenu eYiputa; nibe yintshwabulo, nesimanga, nentshabhiso, nesingcikivo, ningabi sayibona le ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokuba utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Njengoko waphalazekayo ubushushu bam nobushushu bam phezu kwabemi baseYerusalem; wophalazelwa ke umsindo wam phezu kwenu, ekungeneni kwenu eYiputa; abe lihlazo, nesimanga, nentshabhiso, nesikizi; kwaye anisayi kuphinda niyibone le ndawo kwakhona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Nanjengoko umsindo wam nengqumbo yam zathululwa phezu kwabemi baseJerusalem, yokwenjenjalo nani ukunifikela ingqumbo yam xa nixhinele ukuya eJiputa. Noba zizinto ezisisiqalekiso nezikhwankqisayo, izinto ezisisigculelo nesingcikivo. Anisobe nibuye niyibone le ndawo kwakhona.’