Jeremiah 42:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uyehova utetile kuni, nina sisalela so‐Juda! Ningayi e‐Jipete: qinisani ukwazi ukuba ndiniyalile namhla.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova uthethile kuni, masalela akwaYuda; musani ukuya eYiputa; yazini nazi, ukuba ndiqononondisile ukuthetha kuni namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utshilo uYehova ngani, masalela akwaYuda; Musani ukuya eYiputa; yazi ngokuqinisekileyo kuba ndikulumkisile namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uthi ke ngoko kuni uNdikhoyo, nina masalela akwaJuda: ‘Musani ukuya eJiputa.’ Ke ngoko yiqondeni kakuhle le ndawo; ndiyaniyala namhlanje.