Jeremiah 42:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
bati ku‐Jeremiya umprofite: Masiti ke isitaṙuziso setu sibekwe pambi kwako, utandaze ngenxa yetu kuyehova, utixo wako, ngenxa yaso sonke isisalela esi; (ngokuba sisalisiwe singabancinane kubo abaninzi, njengokuba amehlo ako esibona;)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi kuYeremiya umprofeti, Ukutarhuzisa kwethu makhe kuwe phambi kwakho, usithandazele kuYehova uThixo wakho, uthandazele la masalela onke; ngokuba sisele sambalwa, besibaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kuYeremiya umprofeti: “Masikholeke kuwe isicelo sethu, usithandazele kuYehova uThixo wakho nangenxa yala masalela onke; (kuba simbalwa kwabaninzi, njengoko asibonayo amehlo akho;)
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
kumshumayeli uJeremiya, bafika bathi kuye: “Nceda usamkele isicelo sethu kuwe: Sithandazele *kuNdikhoyo uThixo wakho, ucelele onke la masalela, kuba nawe ngokwakho uyabona ukuba naxa sasibaninzi ngoku sesisele siliqaqobana.