Jeremiah 42:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okunene niyaposisa ngakweyenu imipefumlo; ngokuba ninditumile kuyehova, utixo wenu, nisiti: Sitandezele kuyehova, utixo wetu, nanjengako konke aya kukutsho uyehova, utixo wetu, sixelele ngokunjalo, sasiya kukwenza.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba niyikhohlisile imiphefumlo yenu. Xa nindithumele kuYehova uThixo wenu, nisithi, Sithandazele kuYehova uThixo wethu; njengoko konke awokuthetha kuthi uYehova uThixo wethu, sixelele njengoko, sokwenza;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa enokuba besuka bankwantya ezintliziyweni zenu, ekundithumeleni kuYehova uThixo wenu, nisithi, Sithandazele kuYehova uThixo wethu; yaye njengako konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu, sixelele oku, yaye siya kukwenza.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nizikhohlisile nabubeka ubomi benu esichengeni ngokuya benisithi: ‘Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wethu, usixelele konke athi masikwenze, kuba sokwenza.’