Jeremiah 42:22 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako kaloku, qinisani ukwazi ukuba niya kufa ngesiṙele, na ngendlala, nangesifo esibubisayo, endaweni apo ninxamele ukuya ukupambukela kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungokunje yazini ukuba niya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa, kuloo ndawo ningxamele ukuya kuyo, ukuba niphambukele kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku yazini ngokuqinisekileyo ukuba niya kufa likrele, ngendlala nangendyikitya yokufa kuloo ndawo nifuna ukuya kuyo nize nihlale njengabaphambukeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke yazini ngokuphandle le nto: niza kufa ngekrele, nayindlala, nangubhubhani, kanye kuloo ndawo nizimisele ukuphambukela kuyo.”