Jeremiah 42:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Baza bati ku‐Jeremiya: Uyehova makabe linqi̔na lenene nelenyaniso pakati kwetu, lokuba kwoba njengazo zonke izinto uyehova, utixo wako, aya kukutuma kuti ngazo, esiya kwenje njalo!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi bona kuYeremiya, UYehova makabe lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga senze ngokwelizwi lonke, awokuthuma lona kuthi uYehova uThixo wakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi bona kuYeremiya, uYehova woba lingqina elinyanisileyo, elithembekayo, ngathi, ukuba asithanga sikwenze konke, awokuthumayo kuthi uYehova uThixo wakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi bona kuJeremiya: “UNdikhoyo aze abe lingqina elithembekileyo nelinyanisekileyo, achasane nathi xa singayenziyo yonke into uNdikhoyo uThixo wakho akuthumayo ukuba usixelele.