Jeremiah 42:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokuba kumnandi, nokuba kubi, siya kuliva ilizwi likayehova, utixo wetu, esikutumayo kuye; ukuze kulunge kuti, nxa sivayo ilizwi likayehova, utixo wetu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nokuba lilungile, nokuba libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu, esikuthumela kuye; ukuze kulunge kuthi, xa siliphulaphulayo ilizwi likaYehova uThixo wethu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nokuba lilungile okanye libi, siya kuliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu esikuthumela kuye; ukuze izinto zisihambele kakuhle, ukuba siyaliphulaphula ilizwi likaYehova uThixo wethu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nokuba limnandi, nokuba libi ilizwi likaNdikhoyo uThixo wethu lo sikuthuma kuye, siya kulithobela, khon' ukuze silungelwe. Ewe, inene, siya kumthobela uNdikhoyo uThixo wethu.”