Jeremiah 43:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
uti kuwo: Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Bona ke, ndiya kutuma ndimtabate u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, isicaka sam, ndiyibeke iterone yake pezu kwalamatye endiwaseleleyo; waeya kulolula ilengalenga elihle lake pezu kwawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi kubo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndinguYehova, uThixo kaSirayeli; Yabona, ndithumela ukuba kuthatyathwe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe phezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; uya kuyitwabulula intente yakhe yobukumkani phezu kwabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze ke uthi kuwo: ‘Utsho uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: Ndiza kubiza isicaka sam ukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli, aze afike asimise isihlalo sakhe phezu kwalo mgangatho wamatye uwombeleyo, awagqume ngesigqubuthelo sakhe sobukumkani.