Jeremiah 43:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wandula wateta u‐Hazariya unyana ka‐Hoshaya, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, nawo onke amadoda ar̔atshileyo, esiti ku‐Jeremiya: Uyateta ngobuxoki; uyehova, utixo wetu, akakutumanga ukuti: Aniyi kuya e‐Jipete ukupambukela kona;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Uthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, kuYeremiya, wathi, Uyaxoka; uYehova uThixo wethu akakuthumanga ukuba uthi, Musani ukuya eYiputa ukuba niphambukele khona;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
uAzariya unyana kaHoshaya ekunye noYohanan kaKareya, kunye nawo onke amanye amadoda anekratshi, bathi kuJeremiya: “Uyaxoka! UNdikhoyo uThixo wethu akazange akuthume kuthi ukuba uthi: ‘Ze ningayi kuya kuhlala eJiputa.’