Jeremiah 43:5 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi, batabata sonke isisalela so‐Juda, abebebuyile kuzo zonke izizwe, apo bebegxotelwe kona, ukuza kuhlala elizweni lakwa‐Juda;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuye evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa uYohanan unyana kaKareya nabo bonke abaphathi-mkhosi bathabatha onke amasalela akwaYuda awayebuyile kuzo zonke iintlanga awayegxothelwe kuzo ukuba aye kuhlala ezweni lakwaYuda;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka yena uYohanan enabaphathi-mabutho waqokelela onke amasalela akwaJuda, bonke abo babebuyele kwaJuda bevela kumazwe ababethe saa kuwo,