Jeremiah 44:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ewe, ndiya kutabata isisalela so‐Juda, abo babubekisile ubuso babo ukuza elizweni le‐Jipete ukupambukela kona, babeya kugqitywa bonke; elizweni le‐Jipete baya kuwa ngesiṙele, baya kugqitywa ngendlala, kwa kuye omncinane kude kube kuye omkulu; ngesiṙele nangendlala baya kufa; babeya kuba yinto yokunywebelelwa, n eyokutelwa nqa, nesiqalekiswa, nesigxekwa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndiya kuwathabatha amasalela akwaYuda, abubhekisileyo ubuso bawo ekuyeni ezweni laseYiputa ukuba aphambukele khona, agqitywe onke; aya kuwa ezweni leYiputa; aya kugqityelwa likrele nayindlala, kuthabathele kwabancinane kuse kwabakhulu;aya kufa likrele nayindlala, abe yintshwabulo, nommangaliso, nentshabhiso, nesingcikivo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndiya kuwathabatha amasalela akwaYuda, abubhekise ubuso bawo ezweni laseYiputa ukuba aphambukele khona, atshabalale onke, awe ezweni laseYiputa; baya kutshatyalaliswa likrele nayindlala; baya kufa likrele nayindlala, kuthabathela komncinane kuse komkhulu; ibe yintlekisa, ummangaliso, nentshabhiso, nehlazo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndiza kuwasusa la masalela akwaJuda azimisele ukuphambukela eJiputa. Aza kutshabalala apho kuloo Jiputa. Amanye aza kufa ngekrele, amanye yindlala, nditsho omncinci nomkhulu ngokufanayo. Aza kuba sisiqalekiso, nesothuso, nezigculelo, nesingcikivo.