Jeremiah 44:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kude kungabiko osindileyo noseleyo kwisisalela so‐Juda, abazileyo ukupambukela kona elizweni le‐Jipete, abaya kubuyela kulo ilizwe lakwa‐Juda, elo balangazelelayo ukubuyela kulo, ukuba bahlale kona; ngokuba bengayi kubuya, kupela ngabasindayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuyi kubakho usindayo, usalayo, kumasalela akwaYuda, abeze kuphambukela khona ezweni leYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, elo lizwe ayiphakamisele kulo imiphefumlo yawo ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; ngokuba abayi kubuya, ingengabasinda ngokubhungca.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngokokuze kungasindi namnye kumasalela akwaYuda, azileyo ukuba aphambukele ezweni laseYiputa, ukuba abuyele ezweni lakwaYuda, angxamele ukubuyela kulo, ukuba ahlale khona; akukho bani uya kubuya ngaphandle kwabo basabileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Akuyi kubakho usindayo noya kusala kula masalela akwaJuda aphambukele kwelaseJiputa enethemba lokuba obuyela kwelakwaJuda esaphila. Inene, akukho uya kubuya konke, ngaphandle kwembinana eya kuphuncula.’ ”