Jeremiah 44:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Aza onke omadoda abesazi ukuba abafazi bawo baqu̔misele otixo bambi, nabo bonke abafazi abebemi ngakona, umhlambi omkulu, nabo bonke abantu abebehlala elizweni le‐Jipete, e‐Patrose, bampendula u‐Jeremiya, besiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi esikhungwini esikhulu, nabantu bonke ababehleli ezweni leYiputa, ePatrosi, ngokuthi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Amphendula uYeremiya onke amadoda, abesazi ukuba abafazi bawo baqhumisela thixweni bambi, nabafazi bonke ababemi khona, abantu bonke ababehleli ezweni laseYiputa, ababehleli ezweni laseYiputa, basePatrosi, bathi:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko onke amadoda awayesazi ukuba abafazi bawo benzela izithixo iziqhumiso nehlokondiba labafazi elalilapho nababehlala eJiputa nasePatrosi bathi kuJeremiya: