Jeremiah 44:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko siya kukwenza ngenyaniso konke okusukuba kupuma emlonyeni wetu, ukuqu̔misela ukumkanikazi wezulu, nokumtululela iminikelo yokusela, njengokuba senje njalo, tina nobawo betu, okumkani betu nenkosana zetu, ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme; okuya sibe sihluti sisonka, sibe sinyamnyekile, nelishwa besingaliboni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Inene, siya kuwenza onke amazwi aphumileyo emlonyeni wethu, okuqhumisela kukumkanikazi wezulu, simthululele iminikelo ethululwayo, njengoko sakwenzayo, thina noobawo, ookumkani bethu nabathetheli bethu, emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem; sahlutha ke sisonka, salunga, asabona bubi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Noko ke, yonke into ephuma emlonyeni wethu, siya kuyitshisa ngomsi ukumkanikazi wezulu, sizigalele iziselo zakhe njengoko senjenjalo, thina, noobawo, nookumkani bethu, nabathetheli bethu; izixeko kwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem; ngokuba sasinokutya okuninzi ngelo xesha, kwaye sasingcathu, singaboni bubi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thina siza kuthi rhoqo ukuzalisa amadinga ethu, senzele uKumkanikazi weZulu iziqhumiso, simphe neminikelo ethululwayo njengoko sasikade sisenza thina nookhokho bethu nookumkani neziphathamandla zethu sisahlala kwiidolophu zakwaJuda naseJerusalem. Ngoko sasidla ngokuba nokutya kakhulu, sisanela, kungazange kwabakho shwangusha lakha lasithi cha.