Jeremiah 44:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Nibonile lonke ilishwa endilizisileyo pezu kwe‐Yerusaleme, napezu kwazo zonke izixeko zakwa‐Juda; kekaloku bona ke, ziyingcitakalo namhla nje, kungeko ohlala kuzo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nibubonile ububi bonke endayizisela bona iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda. Niyabona, ingamanxuwa ngayo le mini, akukho umiyo kuyo;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli; Nibubonile bonke ububi endayiziselayo iYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda; yabona ke namhla kusenkangala, akuhlali mntu khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Utsho *uNdikhoyo, uThixo onamandla onke kaSirayeli, ukuthi: ‘Niyibonile intlekele endayihlisela iJerusalem kunye needolophu zakwaJuda ziphela. Kunamhlanje-nje zingamabhodlo angahlalwa bani.