Jeremiah 44:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye uyehova wayengasenako ukunyamezela inkohlakalo yezenzo zenu, izinto ezibuntshontsho enazenzayo; ngako ilizwe lenu laba yingcitakalo, nento yokutelwa nqa, nesiqalekiswa, lingenabemi, njengokwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova akaba saba nako ukuthwala, ngenxa yeentlondi zenu ezimbi, ngenxa yamasikizi enawenzayo; lasuka ilizwe lenu labharha, kwaba senkangala, langummangaliso nentshabhiso, lingenammi, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
ukuze uYehova angabi saba nako ukukunyamezela ngenxa yobubi bezenzo zenu nangenxa yezinto ezicekisekayo enazenzayo; ngenxa yeso sizathu, ilizwe lakho libe yinkangala, isimanga, nesiqalekiso, lingenammi, njengoko linjalo namhlanje.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo akabanga nako tu ukukunyamezela ukungcola kwezenzo zenu kunye namasikizi eniwenzileyo. Andithi kanene ilizwe lenu laba ngumqwebedu nento eyoyikekayo esisiqalekiso kangangokuba kungahlali bani kulo unanamhla oku?