Jeremiah 44:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko yivani ilizwi likayehova, nonke nina bo‐Juda abahleli ezweni le‐Jipete! Bona ke, ndifungile igama lam elikulu, utsho uyehova, ukuba igama lam aliyi kubuya libizwe ngumlomo wenye indoda yakwa‐Juda, kulo lonke ilizwe le‐Jipete, isiti: Ihleli nje inkosi e nguyehova!
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifunge igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
zimiseni nizimise kambe izibhambathiso zenu; zenzeni nizenze kambe izibhambathiso zenu. Ngako oko liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda, ahleliyo ezweni leYiputa: Yabonani, ndifungé igama lam elikhulu, utsho uYehova, inene, aliyi kuba sabizwa igama lam ngumlomo kabani wakwaYuda ezweni lonke leYiputa, esithi, Ihleli nje iNkosi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa ke, nonke nina bantu bakwaJuda abemi apha eJiputa, wuveni umlomo kaNdikhoyo; uthi: Niyabona, ndifunga igama lam elidumileyo, ndithi: Inene, aliyi kuba sabizwa igama lam nangubani na wakwaJuda naphi na apha kwelaseJiputa, esithi: “Ikho nje iNkosi uNdikhoyo!”