Jeremiah 44:27 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bona ke, ndiya kulinda pezu kwabo kube kokubi, kungabi kokulungileyo; aye onke amadoda akwa‐Juda aselizweni le‐Jipete eya kugqitywa ngesiṙele nangendlala, ade apeliswe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yabonani, ndiwaphaphela ukuba kube kubi, kungalungi, agqityelwe onke amadoda akwaYuda ezweni laseYiputa, likrele nayindlala, ade aphele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona, ndithe qwa, ndizimisele ukunizisela ububi, hayi ubuhle. Yaye onke amadoda akwaJuda alapha eJiputa aza kufa ngekrele nayindlala, ade atshabalale onke.