Jeremiah 44:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa abasindileyo kwisiṙele baya kubuya elizweni le‐Jipete baye elizweni lakwa‐Juda, bebancinane inani labo; baze bonke abesisalela so‐Juda, abangenileyo e‐Jipete ukuza kupambukela kona, bazi lelikabanina ilizwi eliya kuma, elam, elabo kusinina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baya kubuya ezweni leYiputa abasinde ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alazi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kubuya ezweni leYiputa abasindé ekreleni, baye ezweni lakwaYuda bembalwa; alàzi onke amasalela akwaYuda, azileyo ezweni leYiputa ukuba aphambukele kulo, ukuba liliphi na ilizwi eliya kuma khona: lelam, lelabo, kusini na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, baya kuba mbalwa abasindayo bangafi ngekrele eJiputa, baze babuyele ezweni lakwaJuda. Baya kwandula ke ukuqonda abantu abaseleyo kwabo babeze kuma apha eJiputa ukuba ngaba lelikabani na ilizwi elingayi kuwa phantsi, lelam nokuba lelabo.’