Jeremiah 44:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako batululwa ubuṙalaṙume bam nengqumbo yam, obatshayo ezixekweni zakwa‐Juda nasezitarateni ze‐Yerusaleme, zada zaba yingcitakalo nentshabalalo, njengokwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baphalazeka ke ubushushu bam nomsindo wam, watshisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zeYerusalem; yaba linxuwa, yabharha, njengoku kunjalo namhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke baphalazwa umsindo wam nobushushu bam ezixekweni zakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem zaba senkangala, njengoko kunjalo namhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka ke mna ndayiphalaza ingqumbo yam nomsindo wam phezu kweedolophu zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem, zaba ngalaa mabhodlo oyikekayo zingawo namhla oku.’