Jeremiah 45:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ILIZWI owalitetayo u‐Jeremiya umprofite ku‐Baruke unyana ka‐Neriya, akuba ebeba̔lile lamazwi encwadini ngomlomo ka‐Jeremiya, ngomnyaka wesine ka‐Yoyakime unyana ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda, lisiti:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ilizwi awalithethayo uYeremiya umprofeti kuBharuki unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe encwadini la mazwi, ephuma emlonyeni kaYeremiya, ngomnyaka wesine kaYoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ilizwi, awalithetha uYeremiya umprofeti uBharuki, unyana kaNeriya, ekuwabhaleni kwakhe la mazwi encwadini, laxelwa nguYeremiya, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi,
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda, xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi: