Jeremiah 45:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ubusiti: Hai ke ubunzima bam! ngokuba uyehova elwongezile usizi ebuhlungwini bam; ndidiniwe kukugula kwam, nokupumla andikufumani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam;ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ubusithi, Yeha ke mna! ngokuba uYehova wongeze isingqala kumvandedwa wam; Ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’