Jeremiah 45:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uze wena uzifunele na izinto ezinkulu? Zungazifuni; ngokuba, bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwoluntu lwonke, utsho uyehova; kodwa ubomi bako ndobunika kuwe bube lixoba kuzo zonke indawo apo uya kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wena uzifunela izinto ezinkulu; musa ukuzifuna. Ngokuba, uyabona, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndikunika umphefumlo wakho ube lixhoba lakho, ezindaweni zonke oya kuya kuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaba uzifunela izinto ezinkulu? musani ukubakhangela; ngokuba, yabonani, ndiyizisela ububi inyama yonke, utsho uYehova; ke ndokunika umphefumlo wakho ube lixhoba, apho uya khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wena uzifunela izinto ezinkulu; ziyeke, ungabi sazifuna, kuba mna ndiza kubahlisela ishwangusha bonke abantu.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo, yena othi: ‘Nokuba kwenzeka ntoni apho uya khona, akuyi kulahlekelwa bubomi bakho.’ ”