Jeremiah 46:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba umhla lo ngo?-? wenkosi, kayehova wemikosi, umhla wempindezelo apindezelwe ezintshabeni zake, nxa iṙele liya kudla, lihlute, linxiliswe ngegazi lazo; ngokuba inkosi, uyehova wemikosi, inombingo elizweni lasenode ngasemlanjeni wom‐Ferate.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Le mini yeyeNkosi, uYehova wemikhosi; yimini yempindezelo, yokuphindezela kubabandezeli bakhe; lidle lihluthe ikrele, lisele lidikwe ligazi labo; ngokuba inombingelelo iNkosi, uYehova wemikhosi, ezweni lasentla, emlanjeni ongumEfrati.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba le yimini yoMlawuli, iNkosi uYehova wemikhosi, imini yempindezelo, ukuze aziphindezelele kubachasi bakhe; liya kudla ikrele, lihluthe, linxile ligazi labo; Umbingelelo kwilizwe langasentla, kufuphi nomlambo ongumEfrati.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo ngumhla kaNdikhoyo, uThixo onamandla onke. Ngumhla wokuziphindezela kwiintshaba zakhe lo. Liza kudla lihluthe ikrele, lisele lide lidikwe ligazi. Ewe kaloku, iNkosi uNdikhoyo onamandla onke wenzelwa idini kwelasentla ngakumlambo iEfrati.