Jeremiah 46:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nyuka uye e‐Gileyadi, utabate itsori, ntombi ipela yase‐Jipete! Ufumana uwandisa amayeza; akuko impiliso kuwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nyuka uye eGiliyadi, thabatha amafutha aqholiweyo, nkazanandini, ntombi iyiYiputa; ufumana usandisa oomathunga;akunakubotshwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Nyuka uye eGiliyadi uze uthabathe ioli yobulawu, ntombi enyulu yaseYiputa; uya kusebenzisa amayeza amaninzi ngelize; ngokuba akuyi kuphila.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ntombindini iyiJiputa, yiya eGiliyadi, uye kufuna khona amayeza okubopha. Kudala uwafuna amachiza; alikho eliya kuwanyanga loo manxeba unawo.