Jeremiah 46:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Shumayelani e‐Jipete, nivakalise e‐Migidole; ewe, vakalisani e‐Nofe nase‐Tahapanesi; niti: Zimise, uzilungiselele, ngokuba iṙele lisidla ngento ekungqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xelani eYiputa, nivakalise eMigidoli, nivakalise eNofu naseTapanesi; yithini, Misa, xhoba; ngokuba ikrele liya kudla ngeenxa zonke kuwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xelelani kwiYiputa, nimemeze eMigdoli, nivakalise eNofu naseTagepanese; nithi, Suk’ ume, zilungise; ngokuba ikrele liya kukonakalisa yonke indawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Bikelani iJiputa, nivakalise eMigidoli, nixele eNofu naseTapanesi. Yithini: ‘Lungela imfazwe uxhobe, kuba ikrele liza kudla kuwe macala onke.’