Jeremiah 46:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zenzele impahla zokufuduka, wena ntombi umiyo e‐Jipete! ngokuba i‐Nofe yoba yinto yokucitakaliswa, neyokufacwa, ingenabemi.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zenzele iimpahla zemfuduka, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofu iya kuba linxuwa, itshiswe, ingabi nammi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zilungiseleleni ukuya ekuthinjweni, mmi, ntombi iyiYiputa; ngokuba iNofe iya kuba linxuwa, ibe linxuwa, ingabi nammi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yilungiseleleni ukuya ekuthinjweni imithwalo yenu, nina bemi baseJiputa, kuba kaloku iNofu iza kudilizwa, ibe ngamabhodlo angahlalwa bani.