Jeremiah 46:2 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngayo i‐Jipete, ngayo impi ka‐Faro Neko ukumkani we‐Jipete, ebingasemlanjeni wom‐Ferate e‐Karakemishe, owati u‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone wayibeta ngowesine umnyaka ka‐Yoyakime unyana Ka‐Josiya ukumkani wo‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ElingeYiputa, ngokusingisele kwimpi kaFaro-neko ukumkani weYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, eKarkemishe, awayixabelayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
NangeYiputa, nangemikhosi kaFaro-nego ukumkani waseYiputa, ebisemlanjeni ongumEfrati, iKarkemishe, owamoyisayo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Udaba oluya eJiputa luphathelele kumkhosi kakumkani uNeko waseJiputa owemisa eKarkemishe ngakumlambo iEfrati, wona waswantsuliswa ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda: