Jeremiah 46:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa abaqeshwa abapakati kwayo banjengamatole atyetyisiweyo; koko kwa bona bajikile, besabile kunye, abemanga: ngokuba umhla wembujiswa yabo ize pezu kwabo, ixesha lokwohlwaywa kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kanjalo imikhosi yayo eqeshiweyo phakathi kwayo injengamathole asesitalini; inene, nayo leyo ijikile, iyasaba kunye, ayimi; ngokuba uyifikele umhla wokusindeka kwayo, ixesha lokuvelelwa kwayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abakhonzi bakhe basemathunjini akhe njengeenkomo ezityetyisiweyo; ngokuba nabo bajika, basaba kunye; abazange balinde, kuba imini yokutshatyalaliswa kwabo yayifikile kubo, kwanexesha lokubatyelela.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amajoni angabaqeshwa aseJiputa afana neenkunzana ezityebileyo, suka nawo ajika abaleka, akwema nalinye. Afikelwe yimini yentlekele, ixesha lokohlwaywa kwawo.