Jeremiah 46:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Uti uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli: Bona ke, ndiya kwohlwaya u‐Amoni wase‐No, no‐Faro, ne‐Jipete, notixo bayo, nokumkani bayo, kwa u‐Faro, nabo batemba kuye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, Yabona, ndiyamvelela uAmon waseNo, noFaro, neYiputa, noothixo bayo, nobukumkani bayo, kwauFaro nabakholose ngaye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli; Yabona, ndiyayibetha inkitha yaseNo, noFaro, neYiputa, noothixo bayo, nookumkani bayo; uFaro nabo bonke ababekholose ngaye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, uthethile wathi: “Ndiza kumohlwaya *uthixo waseNo uAmoni, kunye namaJiputa noothixo bawo, namatshawe, nokumkani waseJiputa, nabo bonke abathembele kuye.