Jeremiah 46:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa wena, ungoyiki, sicaka sam Yakobi! ungetuswa kanjalo, Sirayeli! ngokuba, bona ke, ndiya kukusindisa kwa kude, nenzalo yako elizweni lokutinjelwa kwabo; waeya kubuya u‐Yakobi, abe nokupumla, onwabe, kungeko oya kumnkwantyisa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi; ungaqhiphuki umbilini, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukusindisa kwakude, nembewu yakho ezweni ethinjelwe kulo, abuye uYakobi, azole, onwabe, angagubhi.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke wena musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi; musa ukoyika, Sirayeli; ngokuba, uyabona, ndiya kukukhulula, ndikuhlawulele kude nasembewini yakho ezweni lokuthinjwa kwabo; noYakobi uya kubuya abe ngoxolo, aphumle, kungabikho umothusayo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi; ungaxhalabi, wena Sirayeli. Uyabona, ndiya kukuhlangula, ndikuphuthume kuloo ndawo ikude apho ungumthinjwa khona, wena nenzala yakho, abuye uYakobi azole, onwabe, angoyikiswa mntu.