Jeremiah 46:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ungoyiki, sicaka sam Yakobi! utsho uyehova, ngokuba ndinawe mna; nangona ndikwenza ukugqitywa kuzo zonke izizwe apo ndikugxotele kona, andiyi kwenzela wena ukugqitywa noko; kodwa ndiya kukwohlwaya ngokufanelekileyo, ndingagqibeli ukukuyeka ungabi natyala.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukoyika, wena mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova;ngokuba ndinawe; ngokuba ndiya kuzigqibela kuphele iintlanga zonke endikugxothele kuzo. Ke wena andiyi kukugqibela kuphele;ndokuthethisa ngokusesikweni; andiyi kuthi umsulwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Musa ukoyika, mkhonzi wam Yakobi, utsho uYehova, ngokuba ndinawe; ngokuba ndiya kuzitshabalalisa zonke iintlanga endikuphalalisele kuzo; kodwa andiyi kukonakalisa, ndiya kukohlwaya ngokulinganayo; kodwa andiyi kukuyekela umsulwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uze ungoyiki, wena sicaka sam Yakobi.” Lowo ngumlomo *kaNdikhoyo. “Kaloku mna ndinawe. Ndiza kuziphanzisa zonke iintlanga endikuchitha-chithele kuzo, kodwa andiyi kukuphanzisa wena. Nawe phofu uya kohlwaywa; ndiza kukuqeqesha, phofu ndingabi ngqongqo kuwe.”