Jeremiah 46:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yinina lento ndibabona betusiwe, benqandiwe ngomva? Kwa amagoṙa abo acitiwe, ewe ayenza intsabo kupela, akabeki ngomva; isoyikiso singamacala onke, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Yini? ndibona ntoni? Baqhiphuka umbilini, babuya umva;amagorha abo aqotyiwe; basaba intsabo kanye, bangabi saphethula; kukunxunguphala ngeenxa zonke; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Yini na ukuba ndibabone besoyika, barhoxe? yaye amadoda awo anamandla othuka aza asaba ngokukhawuleza yaye akazange akhangele ngasemva, ngenxa yokuba kwakunkwantya macala onke, utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nibona ntoni ngoku? Bayankwantya; nâbo behlehla. Ayaswantsuliswa amagorha abo; acela kwabasicatyana; akabheki nangasemva. Lunxunguphalo macala onke, utsho uNdikhoyo.