Jeremiah 46:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
I‐Jipete iyanyuka njengomlambo, namanzi ayazamazama njengemisinga; iti: Ndiya kunyuka, ndiya kugubungela umhlaba; ndiya kutshabalalisa izixeko, nabahlala kuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
IYiputa iyenyuka njengoMnayile, amanzi ayo ayazamazama njengemilambo. Ithi, Ndiya kunyuka, ndiya kuwugubungela umhlaba; ndiya kuyitshabalalisa imizi nabemi bayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
iYiputa iyenyuka njengomlambo, namanzi ayo ajika njengemilambo; Wathi, Ndiya kunyuka, ndiwugqume umhlaba; Ndiya kuwutshabalalisa umzi nabemi bawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Tyhini, yiJiputa le ivumbulukayo ngathi yiNayile! Yiyo engathi ngamanzi emilambo adlokovayo. Ithi: ‘Ndiya kuvumbuluka, ndiwuthi gqume umhlaba, ndikhukhulise izixeko nabemi bazo.’