Jeremiah 47:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Utsho uyehova ukuti: Bona ke, amanzi ayanyuka enode, aya kuba ngumsinga okukulayo, akukulele ilizwe nokuzala kwalo, isixeko nabahlala kuso; bade bakale abantu, balile bonke abemi belizwe,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kunyuka entla amanzi angumlambo ongumkhukula, ontywilisela ilizwe nenzaliseko yalo, imizi nabemi bayo; sikhale isintu, babhomboloze bonke abemi belizwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova; Yabona, amanzi aya kunyuka ephuma entla, abe ngumkhukula okhukulayo, awugubungela umhlaba nenzaliseko yawo; umzi nabemi bawo baya kumemelela khona amadoda, balile bonke abemi belizwe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
lithi utsho uNdikhoyo ukuthi: “Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba nako konke okukuwo, izixeko nabemi bazo. Abantu baya kukhala, batsho ngesijwili bonke abemi balapha.