Jeremiah 47:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngenxa yentlokoma yokungqisha kwempupu zamahashe ake anamandla, ngenxa yokuti qaka kwenqwelo zake, yokugunguza kwevili zake: oyise abajikeli kubo abantwana ngokupolelwa kwezandla;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngenxa yesingqi sokunyathela kwamanqina eembalasane zamahashe akhe, ngenxa yokugoqoza kweenqwelo zakhe zokulwa, ngokuxokozela kweevili zakhe, ooyise abasabheki koonyana ngokuwa kwezandla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngenxa yesandi samanqina amahashe akhe anobukroti, nangenxa yesandi seenqwelo zakhe zokulwa, isandi samavili akhe, ooyise ababheneli kubantwana ngenxa yezandla ezithe tye;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe, nokugoqoza kweenqwelo, nokuxokozela kwamavili, ooyise babashiye enyanyeni abantwana, kuba izandla zabo ziwile.