Jeremiah 48:11 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
U‐Mowabi ube wonwabile kwa sebutsheni bake, upumlile ezintlengeni zake; akatululwanga kwifatye ngefatye, akayanga ekutinjweni kanjako; ngako oko isongo sake simi kuye, nevumba lake aliguqukanga.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wonwaba uMowabhi kwasebuncinaneni bakhe, wee tywa phezu kweentsipho zakhe; akakhutshelwanga kwesinye isitya, akahambanga efuduswa; ngenxa yoko isongo sakhe sihleli kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wayezolile uMowabhi kwasebutsheni bakhe, yaye wayehleli esitulweni sakhe, yaye akazange athululelwe ukusuka kwesinye isitya ukuya kwesinye, okanye ekuthinjweni; ke ngoko, incasa yakhe yahlala kuye, nevumba lakhe aliguqukanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kwamhla-mnene uMowabhi ebehlala onwabile; ebezolile njengewayini ecwengileyo, ezibi zayo zisezantsi. Ewe, njengewayini engathululwanga ikhutshelwa kwenye ingqayi, naye akazange asiwe ekuthinjweni. Ngoko ke usenalaa ncasa yamandulo, nevumba lakhe alizange liguquke.”