Jeremiah 48:30 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndiyazi mna ukukukumala kwake, utsho uyehova, ukuba kokungendawo; ilwimi zake zikwenzile okungendawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Mna ndiyakwazi ukuphuphuma komsindo wakhe, nokuphololoza kwakhe into engeyiyo; utsho uYehova; benza into engekhoyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Mna ndiwazi umsindo wakhe, utsho uYehova; kodwa akuyi kuba njalo; ubuxoki bakhe abuyi kusebenza ngolo hlobo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Nguwo ke lo umlomo kaNdikhoyo: “Ndiyakwazi ukuzidla kukaMowabhi, kodwa kungamampunge; ukuzigwagwisa kwakhe kulilize.