Jeremiah 48:33 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kususiwe uvuyo nomgcobo entsimini ecu̔mileyo, kwa selizweni le‐Mowabi; ngokuba ndipelisile iveyine ezincinezelweni; akuyi kubako oxovulayo ngomemezo: umemezo lwabo aluyi kuba lulo umemezo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Isukile imivuyo nemigcobo entsimini echumayo, naselizweni lakwaMowabhi; ndiyiphelisile iwayini emkhombeni; abayi kuxovula benamayeyeye; amayeyeye abo aya kuba ngamayeyeye angelutho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwaye kwashenxiswa imivuyo nemigcobo kwilizwe elikhulu nelizwe lakwaMowabhi; ndayiyeka iwayini ezinyukweni; akukho namnye uya kunyathela ngovuyo; ukuduma kwabo akuyi kuba yimivuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Uvuyo nolonwabo lumkile kumasimi nezitiya zeziqhamo zakwaMowabi, newayini ndiyinqamle esixovulelweni. Akusavakali nantswahla yabaxovuli; naxa kukho intswahla asiyontswahla yamivuyo.