Jeremiah 48:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Okunene intloko zonke zibunqai, nazo zonke indevu ziguyiwe; pezu kwezandla zonke kuko iziqapulo, napezu kwezinqe intlakantlaka.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba zonke iintloko zigugulwe, zonke iindevu zichetyiwe;ezandleni zonke ziintlanga, ezinqeni ziingubo ezirhwexayo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba zonke iintloko ziya kuchetywa, zonke iindevu zichetyiwe; bonke bephela banamanxeba ezandleni, benxibe ezirhwexayo ezinqeni zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Intloko nganye ichetyiwe, ngokunjalo neendevu zisusiwe; isandla ngasinye sicentiwe, esinqeni ngasinye kwabhinqwa irhonya.