Jeremiah 48:38 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Pezu kwezindlu zonke zase‐Mowabi, nakuzo zonke izitarate zayo, kuko isijwili; ngokuba ndiqekezile i‐Mowabi njengesitya ekungeko inyamekelo kuso, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Phezu kwezindlu zonke zakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kukumbambazela kodwa; ngokuba ndimaphule uMowabhi njengesitya esingananziweyo; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Eluphahleni lonke lwakwaMowabhi nasezitratweni zakhe kuya kukhwazwa, ngenxa yokuba ndimaphule uMowabhi njengento engonwabanga,’ utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emaphahleni ezindlu zonke zakwaMowabhi nasezindaweni zembutho kusisijwili nje sodwa, kuba uMowabhi ndimkrobozile oku kwengqayi engafunwa bani.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.