Jeremiah 48:39 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bayalila ngokuti: Injanina ukutiwa shwaqe! Unjanina u‐Mowabi ukunika umhlana ngokudana! Kwa njalo u‐Mowabi woba yinto yokugculelwa nesituso kubo bonke abamngqongayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayabhomboloza; hayi, ukuqhiphuka kwakhe umbilini! Hayi, ukunikela kukaMowabhi ikhosi kukudana! Uyintlekisa, uyoyikwa ngabo bonke abangeenxa zonke kuye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baya kunkqangaza, besithi, Hayi, ukutyumzwa! Utheni na ukubuya uMowabhi eneentloni! ngenxa yoko uMowabhi ube yintlekisa, uyoyikiswa ngeenxa zonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Hayi ukuhlazeka kwakhe; hayi ukubhombholoza kwabo! Hayi ukunikela kukaMowabhi ikhosi ngenxa yeentloni. Usuke waba sisigculelo nesothuso kwabo bamngqongileyo uMowabhi.”