Jeremiah 48:44 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lowo usabayo isoyikiso, uya kweyela esihogweni; nalowo unyukayo esihogweni, uya kubanjiswa emgibeni: ngokuba ndiya kuzisa pezu kwayo i‐Mowabi umnyaka wokwohlwaywa kwabo, utsho uyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Osaba unkwantyo uya kweyela emgongxweni; ophuma emgongxweni uya kubanjiswa sisibatha; ngokuba ndiya kumzisela yena uMowabhi umnyaka wokuvelelwa kwakhe; utsho uYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Osaba unkwantyo weyela emhadini; onyuka ephuma emhadini, abanjiswe ngumgibe; kuba ndiza kumzisela uMowabhi unyaka wokukohlwaya,” utsho uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Obaleka ngenxa yokunkwantya weyela emhadini; ophuma emhadini, ubanjiswa ngumgibe. Konke oko ndiza kukuhlisela uMowabhi ngonyaka wokumohlwaya kwam.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.